Imedia inefuthe elihle kakhulu kwihlabathi naseluntwini liphela, ngoba izama kangakoko inako ukuze izisee indaba eluntwini, isebenzisa zonke izixhobo enazo ukuze ihlabathi lazi ukuba kwenzeka ntoni.Kukho lamazwe asakhulwayo, abantu bakhona abawazi amalungelo abo, koba baye babone lomabonakude nakwi internet ukuba bekufanelwe uphilwa njani. Imedia izikhupha izikhupha zonke, ukusukela kwezothusayo, kwezihlolayo, kwezonyanyekayo, kwezopoliliko,zikrwada zinjani, abazinngxengi, bazikhupha zinjalo, ukuba ibingeyomedia ngekuthetha in to yokuba asazi nenye kwezeka eMzantsi Afika nakwi hlabathi liphela.
Indaba bezinge Lbhiya kulonyaka uphelileyo ngoba ibisezingxakini kwezopilitiko, ukuba ibingekho imedia basingasoze sazi ukuba kwenzeka ntoni ehlabathini. Imedia ikho xa kumnandi nakumaxesha kaxakeka.thatha umzekelo kulanto yayenzeke eHaiti, ihlabathi lalingasoze azo ukuba I Haiti isezingxakini, ifuna uncedo ukuba ibingekho imedia abantu bayibone komabonakude, bayiva konomathotholo, kwaye abanye baye ngokwabo ukuze bayozibonela bancede apho kufuneka khona uncedo. Lonke ihlabathi laba nabo ngokwasezimalini, ekutyeni nasokucoceni,imedia inceda kakhulu ingakumbi kulamazwe asakhulayo, ngoba yenza into youkuba abantu bawazi amalungelo abo, bawalwelwe ukuba abawafumani, thatha umzekelo abantu base Libya balwakwade kwangumzuzu wokugqibela, wade wawulalela uqaqaqa uwayesakuba ngumongameli wabo.Imedia ingasetyenziswa njengesikhali sokuguqula indlela abantu abacinga ngayo, ifake enye ingqondo batsho abantu bavuke emaqandeni benze abafanele ukwenza ukuze bazive ukuba bakhululekile.
Imedia ingezinto ezininzi, untu uyazikhethela eyona ndlela afuna ukwazi ngayo iindaba okanye indawo zolonwabo, iphuma ngemaphepha okanye kwi internet, .Iphepha ndaba, imagazines (zobuhle, lonwabo, nezo zonke indlela zophila), omabonakude, onomaththolo, kwaye ne nendlela ze internet ezahlukeneyo. Iingcuphephe zafumanisa ukuba xa zininzi Itshenele namaphepha ndaba asisokuze singazihoyi izinto ezenzeka kwindawo esihlala kuzo, lonto yokwenza, kwaye soze si ngahoyi ukubaluleka kwengingqii zethu.imedia inomsebenzi omkhu kakhulu kwezintsuku siphila nkuzo ngoba sikholelwa kakhulu kuyo, kengoku ngumsebenzi wemedia ukuba mayixelele ulunto okuyinyaniso.Abantu batshintsha indlela abenza ngayo izinto nendlela abacinga ngayo ngenxa ye media.
Konyaka bangaphambili besingahoyanga lomhlobo ngoba imedia ibingekagqami kakhu kwihlabathi, nakweli lethu loMzantsi Afrika,lonto ibisenza singazi kakhulu ngezinto ezenzekayo,nakweli lethu abantu abaninzi bebesiva sekuthiwa into yenzekile, ezinye izinto zalapha eMzantsi Africa beziq1ala zaziwe ngamanye amazwe asele enabo omabona kude, nabasele beyiqhelile iinternet.kodwa kwezintsuku siphila kuzo izinto zilula, indaba sizifumana zisathsisa, ngoba zinazo zonke izikhululo zonomzthotholo, nezomabonakude, ezisinilsa ezondaba zishushu zibila zinjalo. Kwaye namaphepha nda akhona amaphepha ndaba nemagazines kwabo baloko besezindleleni, ne internet yemfonomfono kwabo banemfonomfono ezinayo I internet yokungena kwindaba, nako facebook, twitter,nakwi bloggers zabachazi ndaba okanye iintathenli.
Imedia iyafundisa kakhulu, ingakumbi kuthi bantu batsha abangakwaziyo uhlala ixesha elide endaweni enye, ngoba siloko sinento zokwenza oko,ngoba inayo zonke izixhobo zokutsala abantu abatsha ukuze bafunde indaba, nabo bazi ukuba kwenzeka ntoni kwihlabathi.iyakhula kakhulu imedia, indlela ezazigqamile kwiminyaka yakudala iyaphela, abantu baya bengenwa bubudolophu
Date: Thursday 8 October 2009
No comments:
Post a Comment